Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 5:8-10 Ibhayibhile (XHO96)

8. Izithunywa ezo ke zawathi naa loo maphiko azo, zayigquma loo ndawo yayikuyo ityesi ndawonye namanqwanqwa okuyiphatha.

9. La manqwanqwa ke ayemade ngangokuba zazibonakala iziphetho zawo kumntu ophambi kwegumbi elingaphakathi, kodwa ke zingabonakali kongaphandle kweyona ndawo ingcwele. Aselapho ke unanamhlanje.

10. Apho kuloo tyesi kwakungekho nto ngaphandle kwamacwecwe amabini amatye, lawo ayefakwe kuyo nguMosis eHorebhe, apho uNdikhoyo wenza umnqophiso namaSirayeli akuba ephumile eJiputa.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 5