Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 29:20-27 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kwakusasa ngemini elandelayo ukumkani uHezekiya wawaqokelela amagosa esixeko, waza waya nawo endlwini kaNdikhoyo.

21. Beza neenkunzi zeenkomo ezisixhenxe, nesixhenxe seenkunzi zeegusha, namaxhwane eegusha asixhenxe angamaduna, kunye naweebhokhwe ekwasixhenxe ekwangamaduna, zinto ezo benza ngazo idini lesono, besenzela umbuso wonke nendawo engcwele noJuda ngokwakhe. Ke ukumkani wayalela ababingeleli, inzala ka-Aron, ukuba ezo zinto bazenze idini eqongeni likaNdikhoyo.

22. Ngoko ke bazixhela ezo nkunzi zeenkomo, baza ke ababingeleli balithatha igazi lazo, bafefa ngalo iqonga elo. Kananjalo ke bazixhela neenkunzi zeegusha, baza bafefa iqonga ngelo gazi lazo. Namaxhwane eegusha bawaxhela, ngegazi lawo bafefa kwaelo qonga.

23. Iibhokhwe zedini lesono zona zasiwa kukumkani nebandla, baza ke babeka izandla zabo phezu kwazo.

24. Ababingeleli ke bazixhela iibhokhwe ezo, igazi lazo balisa eqongeni laba lidini lesono lokungxengxezela uSirayeli ephela. Kaloku ukumkani wayenze umyalelo mayela nedini elitshiswayo kunye nelesono ngokunxulumene noSirayeli ephela.

25. Ukumkani wamisa abaLevi endlwini kaNdikhoyo bephethe amacangci, iihapu, kunye nemirhubhe, ngalaa ndlela yayimiswe nguDavide, nemboni kakumkani uGadi, noNatan *umshumayeli – ndlela leyo ke yayiyalelwe nguNdikhoyo ngabashumayeli bakhe.

26. Bema ke abaLevi, bephethe ezo zikhalisi zikaDavide, ababingeleli bona bephethe amaxilongo.

27. UHezekiya ke wayalela ukuba kwenziwe idini elitshiswayo apho eqongeni. Lathi ke lakuqaliswa idini elo, yaqalisa nengoma kudunyiswa uNdikhoyo, ikhatshwa ngamaxilongo nezikhalisi zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 29