Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 27:7-9 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, kwakunye neemfazwe awazilwayo, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda.

8. Waqala ukulawula enamashumi amabini anantlanu, waza ke walawula ishumi elinesithandathu leminyaka.

9. UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 27