kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36

Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 27 Ibhayibhile (XHO96)

UYotam ukumkani wakwaJuda

1. UYotam waqala ukulawula eneminyaka engamashumi amabini anantlanu, waza ke wangukumkani eJerusalem iminyaka elishumi elinesithandathu. Unina yayinguJerusha intombi kaZadoki.

2. Naye njengoyise u-Uziya wenza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo, kambe akaxelisanga uyise ngokungena endlwini kaNdikhoyo. Kambe ke bona abantu abaziyekanga iindlela zabo zokonakala.

3. UYotam wabuya walakha iSango laseNtla lendlu kaNdikhoyo, kananjalo wenza umsebenzi omkhulu eludongeni kwinduli yeOfeli.

4. Wakha iidolophu kwiinduli zelakwaJuda, ngokunjalo neenqaba neemboniselo kwimimandla yamahlathi.

5. UYotam walwa nabo ookumkani bama-Amon waboyisa. Ngaloo nyaka ke ama-Amon arhuma kuye isiliva ebunzima buziikhilogram ezingamawaka amathathu namakhulu amane, newaka leetoni zengqolowa, kwakunye newaka leetoni zerhasi. Enjenjalo ukurhuma ke ama-Amon iminyaka yada yamithathu.

6. UYotam wakhula ngobungangamsha, kuba kaloku wayebambelele ngokupheleleyo kuNdikhoyo uThixo wakhe.

7. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaYotam, kwakunye neemfazwe awazilwayo, nemisebenzi yakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda.

8. Waqala ukulawula enamashumi amabini anantlanu, waza ke walawula ishumi elinesithandathu leminyaka.

9. UYotam ke waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide. Ke uAhazi unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.