Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 25:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. Noba ungade ukhaliphe kangakanani na emfazweni, uThixo uya kukuyekela ngolo tshaba; kaloku uThixo nguye onegunya lokunceda nelokuyekela.”

9. UAmaziya ke wathi kuloo mfo wakwaThixo: “Kothekani kodwa ngaloo mawaka amakhulu mathathu anamakhulu amane esiliva endiyihlawule ngaloo majoni akwaSirayeli?”Umfo wakwaThixo ke waphendula wathi: “UNdikhoyo unako ukukunika nangaphezulu.”

10. Ngoko ke uAmaziya wawarhoxisa loo mabutho wayewathathe kwaEfrayim, waza wawagodusa. Kambe ke agoduka evutha ngumsindo enganelisekanga seso senzo sikaJuda.

11. Ke uAmaziya wabuya womelezeka wawukhokelela kwiNtili yeTyuwa umkhosi wakhe, apho ke wageqa amadoda aseSeyire alishumi lamawaka.

12. Kananjalo umkhosi kaJuda wathimba amadoda alishumi lamawaka, wawathatha loo mabanjwa wawasa kwincopho yeliwa, waza wawajulela ezantsi antlekeka afa onke.

13. Ke wona laa mabutho wawagodusayo uAmaziya, asuka ahamba enqoloba iidolophu zakwaJuda ukususela eSamariya kuye eBhete-horon. Abulala abantu abangamawaka amathathu, aza athimba intaphane yamaxhoba.

14. UAmaziya ukubuya kwakhe evela kubulala amaEdom wabuya nazo izithixo zabantu abo baseSeyire. Wazimisela ezo zithixo zaba zezakhe, waqubuda kuzo, wazenzela namadini atshiswayo.

15. Ke ingqumbo kaNdikhoyo yavutha ngakuAmaziya. Waza ke wamthumelela umshumayeli owathi kuye: “Ngani ukuba uthembele kwaba thixo bolu hlanga, bengabanga nako nje ukubahlangula abantu babo esandleni sakho?”

16. Esathetha njalo, ukumkani wathi kuye: “Umiswe ngubani ukuba ucebise ukumkani wena? Suk' apha, thula! Kungenjalo ke ndakukubulala!”Umshumayeli ke wayekelela, kodwa waleka ngelithi: “Kambe ke ndiyazi ukuba uNdikhoyo uzimisele ukukutshabalalisa ngenxa yokuba uyenzile le nto, akwaliphulaphula necebiso lam.”

17. Ke uAmaziya ukumkani wakwaJuda uthe akuba ethetha-thethene nabacebisi bakhe wasuka wathumela ecel' umngeni kuYehowashe unyana kaYowahazi, kaYehu ukumkani wakwaSirayeli, esithi: “Yiza sihlangane!”

18. Kambe ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waphendula uAmaziya ukumkani wakwaJuda wathi: “Umthana wameva waseLebhanon wathumela udaba kumsedare waseLebhanon usithi: ‘Yendisela intombi yakho kunyana wam!’ Kusenjalo kwavela irhamncwa apho eLebhanon, laza lawunyhasha ngeenyawo loo mthana wameva.

19. Ngenxa yokuba usithi uwoyisile amaEdom, ngoku ukhukhumele unekratshi. Kambe ke mna ndithi: ‘Hlal' ekhaya! Ngani ukuba uziqhwayele inkathazo eya kukukhahlela phantsi wena ndawonye noJuda?’ ”

20. Kambe ke uAmaziya zange aphulaphule, kuba kaloku uThixo wayeselezimisele ukumnikezela kuYehowashe, kuba esuke wathembela kwizithixo zamaEdom.

21. Ngoko ke uYehowashe ukumkani wakwaSirayeli wamhlasela. Yena noAmaziya ukumkani wakwaJuda baqubisana eBhete-shemeshe kwelakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 25