UAmaziya ukubuya kwakhe evela kubulala amaEdom wabuya nazo izithixo zabantu abo baseSeyire. Wazimisela ezo zithixo zaba zezakhe, waqubuda kuzo, wazenzela namadini atshiswayo.