Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 23:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. esinye isinye esithathwini apha kuni masibe sebhotwe; size ke esinye sibe seSangweni lesiSeko; aze ke onke amanye amadoda abe sezinkundleni zendlu kaNdikhoyo.

6. Makungabikho mntu ungenayo endlwini kaNdikhoyo ngaphandle kwababingeleli nabaLevi abasebenzayo. Bona bangangena, kuba bahlambulukile, kambe ke bonke abanye mabalinde ngokwezinto abamiselwe zona nguNdikhoyo.

7. AbaLevi bona mabaphahle ukumkani, indoda nganye iphethe isixhobo sayo ngesandla. Nabani na ongenayo endlwini kaThixo makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”

8. AbaLevi ke ndawonye nawo onke amadoda akwaJuda benza njengoko babeyalelwe ngumbingeleli uJoyada. Ngamnye kubo wemka neqela lakhe, abo babesebenza *ngoMhla woPhumlo nabo babephumile emsebenzini – kaloku umbingeleli uJoyada zange akhulule nalinye iqela.

9. Ke iingqwayi-ngqwayi zamaqela wazinika imikhonto namakhaka amakhulu namancinci, lawo awayengawokumkani uDavide, egcinwe endlwini kaThixo.

10. Onke amadoda wawamisa aphahla ukumkani exhobile, bemi ngaseqongeni lendlu kaThixo, ukusukela kwicala elingasezantsi ukuya kwelingasentla apho endlwini kaThixo.

11. Ke uJoyada noonyana bakhe baphuma naye unyana kakumkani, baza bamthwesa isithsaba, bamnika umnqophiso obhaliweyo, bebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, bakhwaza bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 23