Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 17:2-13 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wamisa umkhosi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda; wamisa amabutho kwaJuda nakwiidolophu zakwaEfrayim ezazithinjwe nguyise uAsa.

3. *UNdikhoyo ke waba naye uYoshafati kuba wayehamba ngeendlela uyise awayehamba ngazo kuqala. Wayengabuzisi kooBhali,

4. koko efunana noThixo kayise, ehamba ngemiyalelo yakhe yonke, engazilandeli izenzo zamaSirayeli.

5. UNdikhoyo wawuzinzisa phantsi kwakhe umbuso wakhe, waza wonke uJuda wazisa izipho kuye, waza ke wasisityebi, futhi wahlonelwa.

6. Wayezinikezele ngentliziyo yakhe yonke kwiindlela zikaNdikhoyo; ngaphezu koko ke wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kunye neentsika zika-Ashera kwelakwaJuda.

7. Ke kaloku ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe uYoshafati wathumela la maphakathi ukuba aye kufundisa kwiidolophu zakwaJuda: uBhen-rhayili, uObhadiya, uZakariya, uNataniyeli, noMikaya.

8. Ayekhatshwa ngaba baLevi: uShemaya, uNetaniya, uZebhadiya, uAsaheli, uShemiramoti, uYehonatan, uAdoniya, uLabhiya, uTobhiya, noTobhi-adoniya, nababingeleli uElishama noYoram.

9. Babephethe incwadi yomthetho kaNdikhoyo, baza ke bafundisa kulo lonke elakwaJuda, bazijikeleza iidolophu zakhona, bafundisa abantu.

10. Ke kaloku uNdikhoyo watsho wahlonelwa zizo zonke izikumkani zemihlaba ejikeleze uJuda, ngaloo ndlela ke akwabikho sizwe sikathaza uYoshafati ngemfazwe.

11. AmaFilistiya athile arhuma ngezipho nangesiliva, aza ama-Arabhu amzisela imihlambi: amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eebhokhwe.

12. UYoshafati waya esomelela ngokomelela. Wakha iinqaba nezixeko ezingoovimba kwaJuda,

13. kananjalo umphako omninzi ewugcina kwiidolophu zakwaJuda. Wayenawo namajoni anamava, ewagcina eJerusalem.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 17