Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 16:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngelo thuba ke imboni uHanani yeza kukumkani uAsa wakwaJuda, yathi kuye: “Ngenxa yokuba usuke wakholosa ngokumkani wama-Aram endaweni yokukholosa ngoNdikhoyo uThixo wakho, ngoko ke umkhosi wama-Aram uza kuphuncuka esandleni sakho.

8. Andithi na amaKushe namaLibhiya ayengumkhosi onamandla onenyambalala yeenqwelo nabakhweli-mahashe? Kanti ke wathi ngokukholosa ngoNdikhoyo, yena wawunikela esandleni sakho loo mkhosi.

9. Kaloku wona amehlo kaNdikhoyo akulo lonke ihlabathi, yaye ke uyabomeleza abo babambelele kuye ngokupheleleyo. Ewe, wenze into yobuyatha; ngoko ke ukusukela ngoku uza kuntyumpa-ntyumpeka emfazweni.”

10. Kambe ke uAsa wasuka wakhathazeka yiloo nto yayithethwe yimboni kuye, ngangokuba ade ayibambe ayivalele entolongweni. Kananjalo ke uAsa wasuka ngoku wabangcungcuthekisa ngengcinezelo abanye abantu.

11. Ke kaloku iziganeko zolawulo luka-Asa, ukusuka ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo zibhalwe encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli.

12. Ngonyaka wamashumi amathathu anethoba wolawulo lwakhe uAsa wangenelwa sisifo seenyawo. Nangona wayebambekile, naxa yayingasekuko, akazange afune uncedo kuNdikhoyo, koko wabhenela kumagqirha.

13. Ke kaloku kunyaka wamashumi amane ananye wasweleka uAsa, waya kuphumla kooyise.

14. Wangcwatywa kwingcwaba awayezenzele lona kwisixeko sikaDavide. Umzimba wakhe bawusebenza ngobulawu, loo nto beyenza ngobugcisa, bamqhola ngeendidi ngeendidi zeziqholo; baza ke bamzilela ngomlilo omkhulu.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 16