Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 3:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. kuze owesibini uKiliyabhu, ezalwa nguAbhigeli umhlolokazi owashiywa nguNabhali waseKarmele; ibe nguAbhasalom owesithathu, owayezelwe nguMahaka intombi kaTalemayi ukumkani waseGeshuri;

4. kulandele owesine uAdoniya, ezalwa nguHagiti; kuze owesihlanu uShefatiya, ezalwa nguAbhitali;

5. kugqibele owesithandathu uItram, owazalwa nguEgla umka-Davide. Ngabo abo ke oonyana uDavide awabazala eHebron.

6. Ngexesha kuliwayo yile mizi mibini, okaSawule nokaDavide, kwicala likaSawule uAbhinere wayezandisela iwonga.

7. Ke kaloku uSawule wayenenkazana enguRizpa intombi ka-Aya, kwaza ngenye imini unyana kaSawule uIshbhoshete wathi kuAbhinere: “Yini na ukuba ulale nenkazana kabawo?”

8. Wangcangcazela ngumsindo uAbhinere ngenxa yala mazwi kaIshbhoshete, waza wathi: “Hi, mfondini, undenza inja kwaJuda! Uthi ingandim ojikela uSawule ngasemva? Unanamhla oku umzi kaSawule, uyihlo, ndisathembekile kuwo, kubantakwabo, nakumahlakani akhe; andikawungcatshi kuDavide, kodwa naku wena namhla undityhola ngomntu obhinqileyo!

9. Inene, makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba andimncedisi uDavide ekuzuzeni izinto ezathenjiswa *nguNdikhoyo kuye!

10. Ndiza kumncedisa ukuhlutha ulawulo kwindlu kaSawule, kungene uDavide esihlalweni, alawule kwaSirayeli nakwaJuda, ukususela kwaDan kuse eBheshebha.”

11. Akabuyanga awuvule owakhe umlomo uIshbhoshete, kuba wayemoyika uAbhinere.

12. UAbhinere wathumela izigidimi kuDavide ukumthethela, esithi: “Hi bethu, ngaba lelikabani na eli lizwe? Ukuba thina sithe senza imvumelwano, ndokunceda, amaSirayeli onke ndiwagayele kwicala lakho.”

13. UDavide wathi: “Kulungile, kodwa ndosenza nawe isivumelwano kuphela ngaphantsi kwalo mqathango: kufuneka uze apha kum noMikali intombi kaSawule.”

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 3