Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 20:18-26 Ibhayibhile (XHO96)

18. Umfazi lowo wathi: “Kudala kwakudla ngokuthiwa: ‘Yiya kwidolophu iAbhele, uye kuvisa khona.’ Yayisenziwa ke loo nto.

19. Le yidolophu exolileyo nethembekileyo kwaSirayeli; kutheni ke ngoku uyidiliza nje, utshabalalisa isixeko esingunozala kuSirayeli? Ngani ukuba ufune ukucima isixeko esililifa *likaNdikhoyo?”

20. Waphendula uJowabhi wathi: “Hayi, andingeke ndisidilize isixeko senu ndisicime.

21. Asiyiyo injongo yam leyo. Kukho umfo okuthiwa nguShebha, unyana kaBhikri wakweleentaba kwaEfrayim; nguye oqale olu dushe ngokuvukela ukumkani uDavide. Mkhupheni ngaphandle; ndosiyeka esi sixeko.”“Kulungile, intloko yakhe soyijula ngaphandle kodonga,” utshilo loo mfazi.

22. Wabuyela kubemi balapho necebo lakhe, bamnqumla intloko uShebha, bayijula ngaphandle kodonga kuJowabhi. Wasivuthela isigodlo, amadoda akhe ayeka ukusihlasela isixeko, agoduka. Wenjenjeya noJowabhi ukubuyela kukumkani eJerusalem.

23. Umphathi-mkhosi wakwaSirayeli yayinguJowabhi. Abalindi bakakumkani uDavide abangamaKreti namaPleti umphathi wabo yayinguBhenaya unyana kaJoyada.

24. UAdoram yena wayephethe abo benza umsebenzi ngokunyanzelwa; uYoshafati yena, unyana ka-Ahiludi, wayengumgcini-manqaku,

25. uSheva ingunobhala, ababingeleli inguZadoki noAbhiyatare.

26. UIra waseJayire wayengomnye wababingeleli bakaDavide.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 20