Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 2:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. Kwasuka ishumi elinambini labafana limele uIshbhoshete unyana kaSawule ngakwicala lakwaBhenjamin, baqubisana neshumi elinambini labafana becala likaDavide.

16. Umfana ngamnye wayebamba lowo akhuphisana naye entloko, amgwaze ngekrele ephangweni. Loo nto ke yatsho bafa kunye bonke. Loo ndawo ke eGibheyon kuthiwa yiHelekati-hazurim.

17. Kwavuka idabi elibi ngaloo mini, uAbhinere neqela lakwaSirayeli boyiswa ngamadoda ecala likaDavide.

18. Babelapho oonyana abathathu bakaZeruya: uJowabhi, noAbhishayi, kunye noAsayeli. Yayingengomendu kuAsayeli, wayeyimbabala.

19. Wasuka wangqala ngqo ngoAbhinere emleqa.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 2