Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 14:20-28 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kambe le nto isicaka sakho uJowabhi uyenze ngeenjongo zokulungisa. Hayi, ndincamile, mhlekazi; ulwazi lwakho lufana nolwesithunywa sikaThixo, sona sazi konke okwenzekayo elizweni.”

21. Emva koko ke ukumkani uDavide ubhekise kuJowabhi wathi: “Kulungile ke, ndiya kukhululela; hamba uye kumlanda laa mfana uAbhasalom.”

22. Waziphosa phantsi ke uJowabhi ekhahlela, edomboza ebulela ukumkani, wenjenje: “Ngoku isicaka sakho siyazi ukuba uyakholiseka siso, mhlekazi nkosi yam, kuba undenzele isicelo sam.”

23. Wasuka ke uJowabhi wenjenjeya ukusinga eGeshuri, esiya kulanda uAbhasalom, weza naye eJerusalem.

24. Akuba efikile ukumkani wathi: “Makaye kuzihlalela endlwini yakhe uAbhasalom; akafuneki nganto apha kum ebhotwe.” Waya kuzihlalela emzini wakhe ke uAbhasalom, akaba savela phambi kokumkani.

25. Kwakungekho bani wayenokufaniswa noAbhasalom ngobunzwana kuye wonke uSirayeli. Wayeyinzwana engenasiphako ukusuka entendeni yonyawo lwakhe kuye kutsho phezulu entloko.

26. Wayesithi akucheba intloko (nto leyo wayeyenza minyaka le, kuba zazisuka zibe nde kakhulu iinwele zakhe) aziveyishe ezo nwele, zibe sisibini seekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo owawusetyenziswa komkhulu.

27. Wayenoonyana abathathu uAbhasalom, kunye nentombi eyayinguTamare igama, inzwakazi enomkhitha.

28. Kwadlula iminyaka emibini eseJerusalem uAbhasalom, kodwa engekabonani nokumkani.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 14