Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 13:18-23 Ibhayibhile (XHO96)

18. Isicaka samkhupha uTamare, saza satshixa ucango.UTamare wayenxibe isambatho eside esinemikhono emide. Kaloku eso sasisinxibo seentombi ezizalwa komkhulu ngaloo mihla.

19. Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo.

20. Uvele kweso sithuba umnakwabo uAbhasalom, wathi: “Ukudlwengule umnakwenu uAmnon? Hayi, dade, musa ukuzikhathaza ngale nto. Ligazi lakho kaloku uAmnon; uze ungamxhibi.” Waya kuhlala kwamnakwabo uAbhasalom uTamare, ephila ubomi belolo.

21. Wavutha ngumsindo ukumkani uDavide zakufika kuye ezo ndaba.

22. Yena uAbhasalom wamthiya uAmnon ngenxa yokudlwengula udade wabo, kangangokuba akazange aphinde afune nokuthetha oku naye.

23. Emva kweminyaka emibini uAbhasalom waba netheko lokuhlinzeka abachebi bakwakhe. Wayelenzela eBhali-hazore engasemdeni welakwaEfrayim. Wayememele bonke oonyana bakakumkani kwelo theko.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 13