5. Bathe bakufika kummandla waseZufi, uSawule wathi kwisicaka awayehamba naso: “Mfondini, ndithi mna masigoduke ngoku. Ngahle ubawo akasacingi ngazidonki ngoku, selenexhala ngathi.”
6. Sithe isicaka: “Khawume! Apha kule dolophu kukho umfo wakwaThixo ohlonitshwe kakhulu nothi akuzithetha izinto zibe njengoko atshiloyo. Makhe siye kuye; mhlawumbi ke nathi angasibeka emkhondweni.”
7. USawule uthe: “Mfondini, uthi siya kumnika ntoni? Asisenamphako nasezingxoweni; asinanto sinayo konke esingamnikayo umfo wakwaThixo lo. Ngaba sinento esinayo na?”