Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 30:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Hayi ke, abhomboloza loo madoda ada aphelelwa ngamandla.

5. Kwakuthathwe nabafazi ababini bakaDavide, uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.

6. Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto.

7. UDavide wabiza unyana ka-Ahimeleki, uAbhiyatare umbingeleli, wathi kuye: “Khawuze *nesidanga eso, mfo ka-Ahimeleki.” Wasisa uAbhiyatare.

8. UDavide wabuza kuNdikhoyo wenjenje: “Ndibasukele na aba banqolobi? Ndobafumana na?”“Baleqe; uza kubafumana, ubakhulule abaya bathinjwa,” utshilo uNdikhoyo.

9. Wanduluka ke uDavide kunye naloo makhulu mathandathu amadoda. Bathi bakufika kwintlambo iBhesore, asala apho amadoda

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 30