Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 30:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. athimba abafazi nabantwana bonke. Kwakungafanga mntu phofu; ayethimbe nje konke okushukumayo endleleni yawo.

3. Ukufika kwabo ooDavide bafika loo dolophu iluthuthu, abafazi noonyana kunye neentombi zabo kumkiwe nazo.

4. Hayi ke, abhomboloza loo madoda ada aphelelwa ngamandla.

5. Kwakuthathwe nabafazi ababini bakaDavide, uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.

6. Wazibona selesengxakini embi uDavide, kuba amadoda akhe ayefuna ukumxuluba ngamatye, kuba ayekhathazekile ngenxa yokuduka kweentsapho zawo. Kodwa uDavide wazomeleza ngokuthembela *kuNdikhoyo uThixo wakhe kuyo yonke loo nto.

7. UDavide wabiza unyana ka-Ahimeleki, uAbhiyatare umbingeleli, wathi kuye: “Khawuze *nesidanga eso, mfo ka-Ahimeleki.” Wasisa uAbhiyatare.

8. UDavide wabuza kuNdikhoyo wenjenje: “Ndibasukele na aba banqolobi? Ndobafumana na?”“Baleqe; uza kubafumana, ubakhulule abaya bathinjwa,” utshilo uNdikhoyo.

9. Wanduluka ke uDavide kunye naloo makhulu mathandathu amadoda. Bathi bakufika kwintlambo iBhesore, asala apho amadoda

10. angamakhulu amabini awayedinwe kangangokuba angabi nako ukuyiwela loo ntlambo. Wabheka phambili yena uDavide kunye namakhulu amane amadoda,

11. abhaqa umJiputa endle apho, aza amsa kuDavide. Ampha ukutya, watya; amnika namanzi, wathoba unxano;

12. ampha nomqwayito wamafiya kunye nezikhinkci zeerasentyisi zazibini. Uthe akugqiba ukutya, waziva edlamkile. Kaloku kwakusekuziintsuku ezintathu engafumani nto ityiwayo, nditsho neyokuthoba unxano.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 30