Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 27:7-12 Ibhayibhile (XHO96)

7. Apho eFilistiya uDavide wahlala unyaka oneenyanga ezine.

8. Ngelo xesha ke uDavide namadoda akhe babemana behlasela amaGeshuri namaGezere kunye nama-Amaleki. Kwamandulo ezi zizwe zazimi kuloo mmandla osuka eShure, uthi ga ngelamaJiputa.

9. Ngalo lonke ixesha uDavide ehlasela ummandla othile wayebulala onke amadoda nabafazi, athimbe zigusha, zinkomo, zidonki, neenkamela, nditsho nkqu nempahla enxitywayo. Emva koko wayedla ngokubuyela kwakumkani uAkishe.

10. Xa ukumkani uAkishe wayembuza athi: “Ubuye kuhlasela phi namhlanje?” uDavide wayedla ngokuphendula athi: “Ndivela ezantsi kwelakwaJuda,” okanye athi: “Ndivela kummandla wakwaJerameli ezantsi,” okanye athi: “Ndivela ezantsi kwelamaKeni.”

11. Wayedla ngokubulala wonke umntu uDavide, indoda nomfazi, kuba wayesithi: “Bangasintama, bathi: ‘UDavide wênza oku noku.’ ” Wenjenjalo ke uDavide ngalo lonke elo xesha aseFilistiya.

12. UAkishe wayemthembile uDavide kangangokude avakale esithi: “Selenuka kangaka nje kumawabo amaSirayeli, uza kuhlala apha, abuse kum bonke ubomi bakhe.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 27