Xa ukumkani uAkishe wayembuza athi: “Ubuye kuhlasela phi namhlanje?” uDavide wayedla ngokuphendula athi: “Ndivela ezantsi kwelakwaJuda,” okanye athi: “Ndivela kummandla wakwaJerameli ezantsi,” okanye athi: “Ndivela ezantsi kwelamaKeni.”