Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 27:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Bafumana indawo ke apho ooDavide namadoda akhe, bahlala neentsapho zabo kwelo zwe. UDavide wayehamba nabo abafazi bakhe uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.

4. USawule akuva ukuba uDavide wasabela eGati, wanikezela, wayeka ukumzingela.

5. Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba uyakholwa ndim, ndinike idolophana kwezisemaphandleni, ndihlale kuyo. Akukho nto ithi mandihlale apha komkhulu kunye nawe, mhlekazi.”

6. Ukumkani uAkishe wamnika idolophu iZikelage. Kususela loo mini ke iZikelage yaba phantsi kolawulo lweekumkani zakwaJuda.

7. Apho eFilistiya uDavide wahlala unyaka oneenyanga ezine.

8. Ngelo xesha ke uDavide namadoda akhe babemana behlasela amaGeshuri namaGezere kunye nama-Amaleki. Kwamandulo ezi zizwe zazimi kuloo mmandla osuka eShure, uthi ga ngelamaJiputa.

9. Ngalo lonke ixesha uDavide ehlasela ummandla othile wayebulala onke amadoda nabafazi, athimbe zigusha, zinkomo, zidonki, neenkamela, nditsho nkqu nempahla enxitywayo. Emva koko wayedla ngokubuyela kwakumkani uAkishe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 27