Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 25:36-44 Ibhayibhile (XHO96)

36. Wagoduka ke uAbhigeli, ebuyela kuNabhali, owayenze itheko elifana nelekumkani. Wayeshushu umfo, watsho wayimvuzemvuze bububele. UAbhigeli ke akazanga abe samxelela nto kwada kwangegomso.

37. Wathi akuqabuka uNabhali, wandula uAbhigeli ukumbalisela konke akwenze ngezolo. Wasuka wafa umzimba wasisigogo.

38. Kwathi emva kwemihla elishumi uNdikhoyo wambetha uNabhali, wasweleka.

39. Zathi zakufika kuDavide iindaba zokuba uNabhali akasekho, wavakala esithi: “Makabongwe uNdikhoyo ondilamleleyo kwimbambano yam noNabhali owandenzela ulunya. Mna sicaka sakhe uNdikhoyo wandinqanda ekwenzeni ububi, baza ubugwenxa bukaNabhali babuyekezelwa kwakuye.”Emva koko uDavide wathumelisa kuAbhigeli emcela ukuba abe ngumkakhe.

40. Zafika kuAbhigeli eKarmele izicaka zikaDavide, zathi: “Uthe uDavide masize kukuphuthuma ukuze ube ngumkakhe.”

41. Wathoba ubuso bakhe, wabujongisa emhlabeni uAbhigeli, wathi: “Ewe, mna ndisisicakazana sakhe; ndiyavuma ukumkhonza, ndihlambe nokuhlamba iinyawo zezicaka zakhe.”

42. Wagxabha-gxabhisa, wakhwela edonkini yakhe, wahamba nezigidimi zikaDavide, ekhatshwa ziimpelesi zakhe ezintlanu ukuya kwendela kuDavide.

43. UDavide wayeselenomfazi onguAhinowam intombi yaseYizereli ngoku athatha uAbhigeli.

44. Kanti ke uSawule intombi yakhe uMikali, eyayikwangumka-Davide, wayeyendisele kuPalti unyana kaLayishe waseGalim.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 25