Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 25:26-36 Ibhayibhile (XHO96)

26. Nangoku *nguNdikhoyo lo ukunqandileyo ukuba ungaphalazi igazi ngokuziphindezela kwiintshaba zakho. Ekho nje uNdikhoyo zonke iintshaba zakho kunye nâbo bakuzondayo baza kohlwaywa, bafane noNabhali.

27. Nasi isipho endize naso, mhlekazi; sithathe usinike amadoda akho.

28. Uze nam sicakazana sakho undixolele. UNdikhoyo uya kukwenzela umzi ozinzileyo, kuba uyamlwela, yaye ububi abuyi kufunyanwa kuwe imihla yakho yonke.

29. Xa kukho bani ukuhlaselayo efuna ukukubulala, uNdikhoyo uThixo wakho wokukhusela, axel' indoda elinde indyebo yayo. Zona iintshaba zakho uNdikhoyo wozithi jwi-jwi okwamatye ajiwulwa *ngenkwitshi.

30. Akuba uNdikhoyo ekufezekisile konke okulungileyo akuthembise kona, wakumisela waba ngolawulayo kwaSirayeli,

31. okwenzekileyo namhlanje akuyi kuba sisizathu sokuba ukhubeke okanye uzisole ngento yokuphalaza igazi elimsulwa uziphindezela. Nam ke, mhlekazi, uze ungandilibali xa athe wakuthamsanqela uNdikhoyo.”

32. Uphendule ngelithi uDavide: “Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli othe wakuthumela ukuba undihlangabeze namhlanje!

33. Makabongwe uThixo okuphe loo ngqondo ube nayo, ukuze wenze le nto indivalelayo, ukuze ndingenzi bugwinta ngokuziphindezela ngezam izandla.

34. Ewe, nguNdikhoyo lo undinqandileyo ukuba ndingamenzakalisi uNabhali. Kambe ndifunga uThixo kaSirayeli ukuba, xa ubungakhawulezanga wandikhawulela, ngengomso ibiya kuba ifile yonke into eyindoda kwaNabhali.”

35. UDavide wazamkela ezo zipho awayeze nazo uAbhigeli, waza wathi: “Hamba ngoxolo ugoduke. Ndikuvile, yaye ndosenza isicelo sakho.”

36. Wagoduka ke uAbhigeli, ebuyela kuNabhali, owayenze itheko elifana nelekumkani. Wayeshushu umfo, watsho wayimvuzemvuze bububele. UAbhigeli ke akazanga abe samxelela nto kwada kwangegomso.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 25