Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 25:19-32 Ibhayibhile (XHO96)

19. Wathi kwizicaka zakhe: “Khokelani; mna ndiza kulandela.” Akazange ase lizwi kumyeni wakhe uNabhali.

20. Kwathi esahamba ngaloo donki yakhe uAbhigeli, xa kanye agwejelayo endulini, wagagana noDavide kunye namadoda akhe, besiza ngakuye.

21. UDavide wayesatsho ukuthi: “Kube lilize ukukhusela impahla yelaa tshijolo uNabhali endle. Akukho nanye into yakhe eyakha yabiwa, kodwa ngoku undibulela ngesikhohlela ndakugqiba ukumnceda!

22. Makandigwebe kalukhuni uThixo ukuba ilanga lithe lasa kusekho into eyindoda kwaNabhali!”

23. Wathi uAbhigeli akuthana nqwakaqhwa noDavide, wakhawuleza wehla kuloo donki wayekhwele kuyo, wawa ngobuso emhlabeni ezinyaweni zikaDavide,

24. wakhahlela wathi: “Mhlekazi, nceda, libeke kum ityala! Ndivumele mna sicakazana sakho ndithethe nawe, uyive into endiyibhekisa kuwe.

25. Musa ukuzikhathaza ngesiya sikhohlakali sendoda uNabhali! Iyile nto kanye lithetha yona igama layo – sisihiba. Mna khange ndiwabone loo madodana inkosi yam ibiwathumele.

26. Nangoku *nguNdikhoyo lo ukunqandileyo ukuba ungaphalazi igazi ngokuziphindezela kwiintshaba zakho. Ekho nje uNdikhoyo zonke iintshaba zakho kunye nâbo bakuzondayo baza kohlwaywa, bafane noNabhali.

27. Nasi isipho endize naso, mhlekazi; sithathe usinike amadoda akho.

28. Uze nam sicakazana sakho undixolele. UNdikhoyo uya kukwenzela umzi ozinzileyo, kuba uyamlwela, yaye ububi abuyi kufunyanwa kuwe imihla yakho yonke.

29. Xa kukho bani ukuhlaselayo efuna ukukubulala, uNdikhoyo uThixo wakho wokukhusela, axel' indoda elinde indyebo yayo. Zona iintshaba zakho uNdikhoyo wozithi jwi-jwi okwamatye ajiwulwa *ngenkwitshi.

30. Akuba uNdikhoyo ekufezekisile konke okulungileyo akuthembise kona, wakumisela waba ngolawulayo kwaSirayeli,

31. okwenzekileyo namhlanje akuyi kuba sisizathu sokuba ukhubeke okanye uzisole ngento yokuphalaza igazi elimsulwa uziphindezela. Nam ke, mhlekazi, uze ungandilibali xa athe wakuthamsanqela uNdikhoyo.”

32. Uphendule ngelithi uDavide: “Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli othe wakuthumela ukuba undihlangabeze namhlanje!

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 25