Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 24:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wanga ke uNdikhoyo angahlula phakathi kwam nawe. Ubenga angandiphindezela ngenxa yobubi ondenzele bona. Mna andingekhe ndikuse sandla.

13. Kaloku sitsho njalo isaci samandulo ukuthi: ‘Inkohlakalo iphuma kwabakhohlakeleyo.’ Ke mna andiyi kukusa sandla konke.

14. Ngaba úyayiqonda yona le nto ayileqayo ukumkani wamaSirayeli? Yintoni le ayisukelayo? Ngaba usukela inja efileyo okanye intakumba enye?

15. Hayi, makahlule uNdikhoyo, kucace ukuba ngubani owonileyo phakathi kwam nawe. Makayigqale imeko yam, andigwebele, ancede andihlangule kuwe!”

16. Uthe akupheza ukuthetha uDavide, wavakala uSawule esithi: “Davide, mfo wam, ngaba lilizwi lakho na elo?” Watsho elila.

17. Waqhuba wathi kuDavide: “Unyanisile, ndim lo wonileyo, kuba ubusoloko usenza ubuhle kum, kanti mna bendikuphatha kakubi!

18. Ukubonakalalisile ukulunga kwakho kum namhlanje, kuba akundibulalanga uNdikhoyo selendinikele esandleni sakho!

19. Yakha yabonwa phi into yokuba athi umntu, selelubambile utshaba lwakhe, abuye aluyeke angalwenzakalisi? Ubenga uNdikhoyo angakuthamsanqela ngale nto ilungileyo undenzele yona namhlanje.

20. Ngoku ndiyazi ukuba iza kuba nguwe ukumkani wakwaSirayeli, nokuba ulawulo lwakwaSirayeli luya kuzinziswa ezandleni zakho.

21. Kodwa ke funga uNdikhoyo ukuba akuyi kuyitshabalalisa inzala yam, ukuze igama lam lingabhangi endlwini kabawo.”

22. Wafunga ke uDavide.Emva koko uSawule wabuyela komkhulu, waza yena uDavide namadoda akhe babuyela endaweni yabo enqatyisiweyo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 24