Bawo, khangela, nali isondo lesambatho sakho esandleni sam! Ngendikucim' igama, koko ndisuke nje ndasika le ndawo engubeni yakho. Yazi ke ngoku uqonde ukuba mna andikhange ndafuna kukuvukela okanye kukwenzakalisa. Nguwe ozingela mna, ufuna ukundibulala, naxa ndingakwenzanga nto imbi.