Wena akuyiboni into yokuba khona ngoku uNdikhoyo ebekunikele esandleni sam phaya kulaa mqolomba? Bekusithiwa mandikucim' igama, kodwa ndaba nenceba, ndala konke mna ukukubulala, kuba kaloku wena ungukumkani, umthanjiswa kaNdikhoyo.