Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:27-38 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ngengomso olandela itheko lokuthwasa kwenyanga ayibanga namntu kwakhona indawo kaDavide, waza uSawule wabuza kuJonatan wathi: “Kutheni engezanga esidlweni izolo nanamhla unyana kaJese?”

28. UJonatan uphendule ngelithi: “Undicengile ukuba ndimvumele ahambe aye eBhetelehem.

29. Uthe: ‘Nceda undikhulule, kuba kowethu eBhetelehem kuza kubakho idini, waye ke nomkhuluwa wam undiyalele ukuba ndibekho nakanjani. Ukuba ungumhlobo wam, ndikhulule ndikhe nditsibe ekhaya, ndibone amawethu.’ Yiyo ke loo nto umbona engekho nje endaweni yakhe apha etafileni kakumkani.”

30. Wavutha ngumsindo uSawule akuyiva le ntetho kaJonatan, wathi: “Yini le, gqubushandini lomvukeli! Uba andikuqondi ukuba ukhetha icala likaDavide unyana kaJese? Phofu uzihlaza wena kunye naloo nyoko wakuzalayo.

31. Wena kunye nobukumkani bakho akusoze uzinze esaphila unyana kaJese. Yiza naye apha ke ngoku – ndimfuna efile!”

32. UJonatan ubuze kuyise wenjenje: “Uza kubulawelwa ntoni? Wenze tyala lini?”

33. Kweso sithuba uSawule wajula umkhonto, efuna ukumbulala uJonatan. Waqonda mhlophe ke uJonatan ukuba uyise uzimisele mpela ukumcim' igama uDavide.

34. Wemka kuloo tafile efutha ngumsindo uJonatan. Akasa nasuntswana eli emlonyeni ngaloo mini yesibini yetheko. Wayebuhlungu yindlela ekrwada uyise amphathe ngayo uDavide.

35. Ngengomso uJonatan waya endle kuDavide ngokwesigqibo sabo. Wayehamba nenkwenkwana,

36. wathi kuyo: “Baleka ulande iintolo zam ndakuzidubula.” Yabaleka ngaphambili loo nkwenkwe, uJonatan wadubula utolo lwaya kuwa ngaphaya kwayo.

37. Ithe yakufika ngakuloo ndawo beluwe kuyo utolo loo nkwenkwe, wayikhwaza uJonatan, esithi: “Kwedini, utolo naluya ngaphaya kwakho!

38. Umele ntoni apho! Baleka!” Yaluchola olo tolo inkwenkwe, yalusa kwinkosi yayo,

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20