Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:23-32 Ibhayibhile (XHO96)

23. Uze ukhumbule ukuba uNdikhoyo ulingqina phakathi kwethu ngomnqophiso esiwenzileyo.”

24. Wahamba ke uDavide, waya kuzimela endle. Ngomhla womsitho wokuthwasa kwenyanga ukumkani uSawule

25. wahlala endaweni yakhe ethekweni ngaseludongeni. Ecaleni kwakhe kwahlala uAbhinere, waza uJonatan wahlala ejongene nokumkani. Yayingenamntu indawo kaDavide,

26. kodwa uSawule akazange athethe nto loo mini, kuba wacinga esithi: “Ngahle kukho nto imvaleleyo uDavide, emenze waba ngongahlambulukanga – inene *unomlaza.”

27. Ngengomso olandela itheko lokuthwasa kwenyanga ayibanga namntu kwakhona indawo kaDavide, waza uSawule wabuza kuJonatan wathi: “Kutheni engezanga esidlweni izolo nanamhla unyana kaJese?”

28. UJonatan uphendule ngelithi: “Undicengile ukuba ndimvumele ahambe aye eBhetelehem.

29. Uthe: ‘Nceda undikhulule, kuba kowethu eBhetelehem kuza kubakho idini, waye ke nomkhuluwa wam undiyalele ukuba ndibekho nakanjani. Ukuba ungumhlobo wam, ndikhulule ndikhe nditsibe ekhaya, ndibone amawethu.’ Yiyo ke loo nto umbona engekho nje endaweni yakhe apha etafileni kakumkani.”

30. Wavutha ngumsindo uSawule akuyiva le ntetho kaJonatan, wathi: “Yini le, gqubushandini lomvukeli! Uba andikuqondi ukuba ukhetha icala likaDavide unyana kaJese? Phofu uzihlaza wena kunye naloo nyoko wakuzalayo.

31. Wena kunye nobukumkani bakho akusoze uzinze esaphila unyana kaJese. Yiza naye apha ke ngoku – ndimfuna efile!”

32. UJonatan ubuze kuyise wenjenje: “Uza kubulawelwa ntoni? Wenze tyala lini?”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20