Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:21-40 Ibhayibhile (XHO96)

21. Emva koko ke ndothuma isicaka ukuba siye kuzikhangela. Xa ndithi kwisicaka: ‘Nazi iintolo nganeno kwakho, yiza nazo;’ uze uqonde ukuba akukho ngozi, uphume ubuye.

22. Kodwa xa ndithe: ‘Nazo ngaphaya kwakho iintolo;’ uze usuke umke, kuba uNdikhoyo woba esithi: ‘Hamba!’

23. Uze ukhumbule ukuba uNdikhoyo ulingqina phakathi kwethu ngomnqophiso esiwenzileyo.”

24. Wahamba ke uDavide, waya kuzimela endle. Ngomhla womsitho wokuthwasa kwenyanga ukumkani uSawule

25. wahlala endaweni yakhe ethekweni ngaseludongeni. Ecaleni kwakhe kwahlala uAbhinere, waza uJonatan wahlala ejongene nokumkani. Yayingenamntu indawo kaDavide,

26. kodwa uSawule akazange athethe nto loo mini, kuba wacinga esithi: “Ngahle kukho nto imvaleleyo uDavide, emenze waba ngongahlambulukanga – inene *unomlaza.”

27. Ngengomso olandela itheko lokuthwasa kwenyanga ayibanga namntu kwakhona indawo kaDavide, waza uSawule wabuza kuJonatan wathi: “Kutheni engezanga esidlweni izolo nanamhla unyana kaJese?”

28. UJonatan uphendule ngelithi: “Undicengile ukuba ndimvumele ahambe aye eBhetelehem.

29. Uthe: ‘Nceda undikhulule, kuba kowethu eBhetelehem kuza kubakho idini, waye ke nomkhuluwa wam undiyalele ukuba ndibekho nakanjani. Ukuba ungumhlobo wam, ndikhulule ndikhe nditsibe ekhaya, ndibone amawethu.’ Yiyo ke loo nto umbona engekho nje endaweni yakhe apha etafileni kakumkani.”

30. Wavutha ngumsindo uSawule akuyiva le ntetho kaJonatan, wathi: “Yini le, gqubushandini lomvukeli! Uba andikuqondi ukuba ukhetha icala likaDavide unyana kaJese? Phofu uzihlaza wena kunye naloo nyoko wakuzalayo.

31. Wena kunye nobukumkani bakho akusoze uzinze esaphila unyana kaJese. Yiza naye apha ke ngoku – ndimfuna efile!”

32. UJonatan ubuze kuyise wenjenje: “Uza kubulawelwa ntoni? Wenze tyala lini?”

33. Kweso sithuba uSawule wajula umkhonto, efuna ukumbulala uJonatan. Waqonda mhlophe ke uJonatan ukuba uyise uzimisele mpela ukumcim' igama uDavide.

34. Wemka kuloo tafile efutha ngumsindo uJonatan. Akasa nasuntswana eli emlonyeni ngaloo mini yesibini yetheko. Wayebuhlungu yindlela ekrwada uyise amphathe ngayo uDavide.

35. Ngengomso uJonatan waya endle kuDavide ngokwesigqibo sabo. Wayehamba nenkwenkwana,

36. wathi kuyo: “Baleka ulande iintolo zam ndakuzidubula.” Yabaleka ngaphambili loo nkwenkwe, uJonatan wadubula utolo lwaya kuwa ngaphaya kwayo.

37. Ithe yakufika ngakuloo ndawo beluwe kuyo utolo loo nkwenkwe, wayikhwaza uJonatan, esithi: “Kwedini, utolo naluya ngaphaya kwakho!

38. Umele ntoni apho! Baleka!” Yaluchola olo tolo inkwenkwe, yalusa kwinkosi yayo,

39. ingazi yona ukuba kwakuqhubeka ntoni na. Loo nto yayisaziwa nguJonatan noDavide kuphela.

40. Wayinika izikrweqe zakhe uJonatan loo nkwenkwe, wathi mayigoduke nazo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20