Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:17-25 Ibhayibhile (XHO96)

17. UJonatan wabuya wamfungisa uDavide ukuba amthande, kuba yena wayemthanda uDavide ngomphefumlo wakhe wonke.

18. Uqhube wathi uJonatan: “Ngomso sisidlo sokuthwasa kwenyanga, yaye kuza kubonakala ukuba akukho. Kaloku indawo yakho iya kuba ingenamntu.

19. Ngomsomnye koba sobala nje ukuba akukho ethekweni. Hamba uye kuzimela kulaa ndawo wawuzimele kuyo, ufike uzifihle ngakwilitye le-Ezeli.

20. Mna ke ndodubula apho ngakulo ngeentolo zibe ntathu, ndibe ngathi ndizijolise entweni.

21. Emva koko ke ndothuma isicaka ukuba siye kuzikhangela. Xa ndithi kwisicaka: ‘Nazi iintolo nganeno kwakho, yiza nazo;’ uze uqonde ukuba akukho ngozi, uphume ubuye.

22. Kodwa xa ndithe: ‘Nazo ngaphaya kwakho iintolo;’ uze usuke umke, kuba uNdikhoyo woba esithi: ‘Hamba!’

23. Uze ukhumbule ukuba uNdikhoyo ulingqina phakathi kwethu ngomnqophiso esiwenzileyo.”

24. Wahamba ke uDavide, waya kuzimela endle. Ngomhla womsitho wokuthwasa kwenyanga ukumkani uSawule

25. wahlala endaweni yakhe ethekweni ngaseludongeni. Ecaleni kwakhe kwahlala uAbhinere, waza uJonatan wahlala ejongene nokumkani. Yayingenamntu indawo kaDavide,

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20