Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:14-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ukuba mna ndisaphila, uze uthembeke kum oku kukaNdikhoyo, kodwa xa ndithe ndafa,

15. uze uhlale unaloo ntembeko kusapho lwam ngalo lonke ixesha, naxa uNdikhoyo selezitshabalalisile iintshaba zakho kulo lonke ihlabathi.”

16. UJonatan wanqophisana nomzi kaDavide, esithi: “Maze uNdikhoyo aziphindezele kwiintshaba zikaDavide.”

17. UJonatan wabuya wamfungisa uDavide ukuba amthande, kuba yena wayemthanda uDavide ngomphefumlo wakhe wonke.

18. Uqhube wathi uJonatan: “Ngomso sisidlo sokuthwasa kwenyanga, yaye kuza kubonakala ukuba akukho. Kaloku indawo yakho iya kuba ingenamntu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20