Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 2:11-18 Ibhayibhile (XHO96)

11. Bagoduka ke ooElikana baya eRama, yasala apho eShilo yona inkwenkwe, ikhonza uNdikhoyo phambi kombingeleli uEli.

12. Oonyana bakaEli ke babengamatshijolo, bengamazele nto *uNdikhoyo.

13. Kaloku inkqubo yababingeleli nabantu yayikukuthi xeshikweni nabani na enikezela idini, kuthi ngeli xesha imbiza yenyama ibilayo, sifike isicaka sombingeleli siphethe ifolokhwe entloko ineencula ezintathu.

14. Besihlaba ngayo epanini, nokuba kuseketileni, okanye esityeni sokupheka, kungenjalo embizeni nje, aze umbingeleli azithathele loo ndawo iphume nefolokhwe. Kwakuqhutywa ngolu hlobo kuwo onke amaSirayeli ayeye eShilo.

15. Kodwa ngoku bekuthi, singekatshi siphele isiqhumiso samanqatha, suka isicaka sombingeleli siye kuloo mfo unikezela idini, sithi kuye: “Nika umbingeleli inyama, ose! Akayifuni inyama yakho ephekiweyo; ufuna ekrwada.”

16. Ukuba loo mntu uphendule wathi: “Kaloku kufuneka siqale sitshe siphele isiqhumiso samanqatha, wandule ukuthatha loo ndawo uyithandayo,” besisithi isicaka sombingeleli: “Hayi, ndinike ngoku; kungenjalo ndoyithatha ngetshova.”

17. Esi sono soonyana bakaEli sokudela iminikelo sasisikhulu kakhulu emehlweni kaNdikhoyo.

18. Yena uSamweli wayehlala ekhonza endlwini *kaNdikhoyo – inkwenkwana ethiwe wambu ngesidanga selineni.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 2