Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 18:7-20 Ibhayibhile (XHO96)

7. Babevuma bengqungqa besithi:“Wabulal' amawaka uSawule;yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi.”

8. USawule akazange ayithande loo nto, wacaphuka gqitha. Wavakala esithi: “UDavide bambalela amashumi ngamashumi amawaka, kodwa mna bandibalela amawaka ngamawaka nje. Selibubukumkani nje into angekabi nayo!”

9. Waba nomona ke uSawule, wasoloko embeke esweni uDavide ukususela loo mini.

10. Ngengomso uSawule waphathwa ngumoya okhohlakeleyo ovunyelwe nguThixo, wamtsho waliphambana kuloo ndlu yakhe. Wayebetha uhadi uDavide ngokwesiqhelo, uSawule yena ephethe umkhonto.

11. “Ndingambethelela koluya ludonga ngalo mkhonto lo Davide,” uzitsholo uSawule. Waba selemjula uDavide ngawo, kodwa yena wawuphepha zozibini izihlandlo uDavide.

12. USawule wamoyika uDavide, kuba *uNdikhoyo wayenaye, emfulathele uSawule.

13. USawule wamshenxisa uDavide kuye, wamenza umphathi wewaka lamadoda omkhosi. Wayewakhokela emadabini loo madoda,

14. aphumelele uDavide kuyo yonke imisebenzi ayiphathayo, kuba kaloku uNdikhoyo wayenaye.

15. USawule wamoyika ngakumbi ke uDavide akubona impumelelo yakhe.

16. Wonke ubani kwaSirayeli nakwaJuda wayemthanda uDavide, kuba wayeyinkokheli emadabini.

17. USawule wabiza uDavide, wathi kuye: “Nanku uMerabhi, intombi yam enkulu. Ndiya kumendisela kuwe. Wena ke uzundikhonze ngobugorha, ulwe amadabi *kaNdikhoyo.” USawule wayesithi: “Andizukumsa sandla mna ngokwam; mayibe ngamaFilistiya.”

18. UDavide waphendula wathi: “Bendingubani na mna, nabakowethu bayintoni na bona, nditsho kwaumzi kabawo uyintoni na kwaSirayeli, khon' ukuze ndibe ngumkhwenyana kakumkani?”

19. Kodwa lathi lakufika ixesha lokwendela kukaMerabhi kuDavide, suka wendiselwa komnye umfo owayegama linguAdriyeli waseMehola.

20. UMikali, enye intombi kaSawule, wamthanda uDavide, waza noSawule wathakazela akuyiva loo nto.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 18