Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 18:5-17 Ibhayibhile (XHO96)

5. UDavide wayephumelela kuyo yonke imicimbi athunywa yona nguSawule, waza ke uSawule wamnyusela wamenza umphathi emkhosini wakhe. Eso senzo sabakholisa bonke abantu kunye namagosa omkhosi kaSawule.

6. Ukubuya kukaDavide kunye nomkhosi emfazweni, emva kokuba wayebulele uGoliyati, baphuma bonke abafazi beedolophu zakwaSirayeli, beze kuhlangabeza ukumkani uSawule. Babesombela, bengqungqa, bebetha iintambula neekatala.

7. Babevuma bengqungqa besithi:“Wabulal' amawaka uSawule;yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi.”

8. USawule akazange ayithande loo nto, wacaphuka gqitha. Wavakala esithi: “UDavide bambalela amashumi ngamashumi amawaka, kodwa mna bandibalela amawaka ngamawaka nje. Selibubukumkani nje into angekabi nayo!”

9. Waba nomona ke uSawule, wasoloko embeke esweni uDavide ukususela loo mini.

10. Ngengomso uSawule waphathwa ngumoya okhohlakeleyo ovunyelwe nguThixo, wamtsho waliphambana kuloo ndlu yakhe. Wayebetha uhadi uDavide ngokwesiqhelo, uSawule yena ephethe umkhonto.

11. “Ndingambethelela koluya ludonga ngalo mkhonto lo Davide,” uzitsholo uSawule. Waba selemjula uDavide ngawo, kodwa yena wawuphepha zozibini izihlandlo uDavide.

12. USawule wamoyika uDavide, kuba *uNdikhoyo wayenaye, emfulathele uSawule.

13. USawule wamshenxisa uDavide kuye, wamenza umphathi wewaka lamadoda omkhosi. Wayewakhokela emadabini loo madoda,

14. aphumelele uDavide kuyo yonke imisebenzi ayiphathayo, kuba kaloku uNdikhoyo wayenaye.

15. USawule wamoyika ngakumbi ke uDavide akubona impumelelo yakhe.

16. Wonke ubani kwaSirayeli nakwaJuda wayemthanda uDavide, kuba wayeyinkokheli emadabini.

17. USawule wabiza uDavide, wathi kuye: “Nanku uMerabhi, intombi yam enkulu. Ndiya kumendisela kuwe. Wena ke uzundikhonze ngobugorha, ulwe amadabi *kaNdikhoyo.” USawule wayesithi: “Andizukumsa sandla mna ngokwam; mayibe ngamaFilistiya.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 18