Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 18:12-29 Ibhayibhile (XHO96)

12. USawule wamoyika uDavide, kuba *uNdikhoyo wayenaye, emfulathele uSawule.

13. USawule wamshenxisa uDavide kuye, wamenza umphathi wewaka lamadoda omkhosi. Wayewakhokela emadabini loo madoda,

14. aphumelele uDavide kuyo yonke imisebenzi ayiphathayo, kuba kaloku uNdikhoyo wayenaye.

15. USawule wamoyika ngakumbi ke uDavide akubona impumelelo yakhe.

16. Wonke ubani kwaSirayeli nakwaJuda wayemthanda uDavide, kuba wayeyinkokheli emadabini.

17. USawule wabiza uDavide, wathi kuye: “Nanku uMerabhi, intombi yam enkulu. Ndiya kumendisela kuwe. Wena ke uzundikhonze ngobugorha, ulwe amadabi *kaNdikhoyo.” USawule wayesithi: “Andizukumsa sandla mna ngokwam; mayibe ngamaFilistiya.”

18. UDavide waphendula wathi: “Bendingubani na mna, nabakowethu bayintoni na bona, nditsho kwaumzi kabawo uyintoni na kwaSirayeli, khon' ukuze ndibe ngumkhwenyana kakumkani?”

19. Kodwa lathi lakufika ixesha lokwendela kukaMerabhi kuDavide, suka wendiselwa komnye umfo owayegama linguAdriyeli waseMehola.

20. UMikali, enye intombi kaSawule, wamthanda uDavide, waza noSawule wathakazela akuyiva loo nto.

21. Wacamanga wathi: “Heke! UMikali ndiza kumendisela kuDavide. Ndiza kumbambisa ngaye uDavide lo, aze abulawe ngamaFilistiya.” Ke uSawule wathi kuDavide: “Nali ithuba lakho lesibini lokuba ngumkhwenyana wam.”

22. Wathuma amaphakathi akhe uSawule, esithi: “Thethani noDavide bucala, nithi: ‘Ukumkani ukholisekile nguwe, yaye onke amagosa kakumkani ayakuthanda. Ngoko ke yiba ngumkhwenyana kakumkani.’ ”

23. Amaphakathi ke awathetha loo mazwi kuDavide. Yena wenjenje ukuphendula: “Nicinga ukuba kuyinto elula na ukuba ngumkhwenyana kakumkani? Kaloku mna ndilihlwempu elingaziwayo.”

24. Amaphakathi kaSawule aya kumxelela okwathethwa nguDavide.

25. USawule wathi: “Yitshoni kuDavide ukuthi: ‘Kuphela kwakhazi alifunayo kuwe ukumkani ngamajwabu amaFilistiya alikhulu awe edabini. Ufuna ukuziphindezela ngolo hlobo kwiintshaba zakhe.’ ” Kaloku yayilicebo likaSawule lokubulala uDavide ngesandla samaFilistiya.

26. Ayixela le nto amaphakathi kaSawule kuDavide, yalunga loo nto kuye ukuba abe ngumkhwenyana kakumkani. UDavide akaphozisanga maseko,

27. waphuma namadoda omkhosi wakhe, wabulala amakhulu amabini amaFilistiya. Waya nezo nyama zazisikwe kuwo, wazinika ukumkani zonke, ukuze abe ngumkhwenyana kakumkani. Waza ke uSawule wendisela uMikali intombi yakhe kuDavide.

28. Waqonda kakuhle ngoku uSawule ukuba *uNdikhoyo ukunye noDavide. Nayo intombi yakhe uMikali yayimthanda uDavide.

29. USawule wamoyika ngakumbi uDavide, waba lutshaba kuye bonke ubomi bakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 18