Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 17:13-26 Ibhayibhile (XHO96)

13. Oonyana bakhe abakhulu abathathu baya emfazweni kunye nomkhosi kaSawule. Omkhulu yayinguEliyabhi, kuze uAbhinadabhi, kulandele uShama.

14. UDavide yena wayenguntondo. Lo gama abakhuluwa bakhe babenoSawule,

15. yena uDavide wayedla ngokuthi ekwaSawule abe emana egoduka aye eBhetelehem, esiya kwalusa iigusha zikayise.

16. Yaba ngamashumi amane eentsuku uGoliyati mihla le ecela umngeni kumaSirayeli kusasa nangokuhlwa.

17. UJese wathuma unyana wakhe uDavide, wathi: “Hamba nale ngqolowa igcadiweyo, ishumi leekhilogram, neli shumi lezonka, ukhawuleze uzise kubantakwenu emkhosini,

18. uphathele umphathi-butho nala maqebengwana alishumi etshizi, usivele ukuba basaphila na abantakwenu. Uze ube nento oza nayo, eyoba bubungqina bokuba basaphila.

19. Ukumkani Sawule nabantakwenu, kunye nomkhosi wonke wamaSirayeli, nabaya kulaa ntili yom-oki, besilwa namaFilistiya.”

20. Wavuka ekuseni uDavide ngengomso, wayishiya nomnye umalusi impahla. Waya kulanda ukutya awayekuthunyiwe nguJese uyise, wanduluka. Ufike ekampini yomkhosi xa kanye amaSirayeli alungiselela idabi, ehlaba intlaba-mkhosi yawo.

21. AmaSirayeli namaFilistiya amisa izintlu, agolozelana.

22. Oko kutya wayekuphethe uDavide wakushiya kumgcini-mithwalo, wagqotsa ukuya apho kuza kuliwa khona. Akufika wabulisa abantakwabo.

23. Esathetha nabo njalo, wavakala umFilistiya uGoliyati intshatsheli yaseGati, ephinda esezolo, ewahlazisa amaSirayeli. Wayiva loo nto ke uDavide.

24. Ahlehla amaSirayeli akubona uGoliyati, agubha luloyiko.

25. AmaSirayeli avakala esithi: “Yoo! Nimbonile laa mfo? Niyivile into ayithethayo? Akasidelanga na? Ukumkani uSawule uthe indoda embuleleyo uya kuyinika omkhulu wona umvuzo. Nangaphezu koko uya kumtshatisa nentombi kakumkani, ungàrhafiswa nomzi kayise.”

26. UDavide wabuzisa kumadoda awayemi ngakuye, wathi: “Nithi uya kwenzelwa ntoni umntu obulele laa mFilistiya, awakhuphe kweli hlazo amaSirayeli? Ingubani kakade yona laa ntlanga ingalukanga yomFilistiya idela umkhosi kaThixo ophilayo?”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 17