1. UPawulos, umkhonzi kaThixo, umpostile* ke kaYesu Kristu, ngokokholo lwabanyulwa bakaThixo, nokuyazi inyaniso engokokuhlonela uThixo;
2. ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade,
3. walibonakalisa ke ilizwi lakhe ngamaxesha angawalo, ngokuvakalisa endakuphathiswayo mna, ngokommiselo woMsindisi wethu uThixo:
4. kuTito, umntwana wam wenene ngokwaselukholweni, esinobudlelane ngalo: Makube lubabalo, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakuYesu Kristu, uMsindisi wethu.
5. Ndakúshiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna:
6. ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangàmiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu.
7. Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi.