33. Ozekileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angáthini na ukumkholisa umkakhe.
34. Umfazi nentombi akufani. Ongendileyo uxhalela izinto zeNkosi, ukuze abe ngcwele ngomzimba nangomoya; owendileyo ke uxhalela izinto zehlabathi, ukuba angáthini na ukuyikholisa indoda yakhe.
35. Oku ke ndikuthetha ndisingisele kokunilungeleyo, ndingenzeli kunirhintyela; ndikuthethela ukuba nizibeke, nihlale nihleli kakuhle eNkosini, ningakruthakrutheki.
36. Kodwa ke ukuba umntu uba uhlaza intombi yakhe, xa ithe yegqitha entlahleni yayo, emelwe kukwenjenjalo, makenze akuthandayo; akoni; makuzekwe.
37. Noko ke omiyo eqinile entliziyweni, engaxakwe nto, enegunya ke lokwenza ngokuthanda kwakhe, kananjalo egqibile entliziyweni yakhe kwelokuba ayigcine intombi yakhe, uyatyapha ukwenjenjalo.