8. Amarhamncwa angena emlaleleni,Ahlale ezikhundleni zawo.
9. Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi;Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
10. Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce,Ububanzi bamanzi bucutheke.
11. Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi;Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
12. Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye,Ukuze enze konke awawamisela khonaEbusweni behlabathi elimiweyo;
13. Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe,Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
14. Oko kubekele indlebe, Yobhi;Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
15. Ùyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe,Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?