2. Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe,Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.
3. Úkusingisa ngaphantsi kwezulu lonke,Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.
4. Emva kwawo kubhonga ilizwi;Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe;Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.
5. UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo,Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
6. Kuba úthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni;Nakwisiphango semvula,Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
7. Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele,Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.
8. Amarhamncwa angena emlaleleni,Ahlale ezikhundleni zawo.
9. Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi;Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
10. Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce,Ububanzi bamanzi bucutheke.
11. Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi;Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
12. Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye,Ukuze enze konke awawamisela khonaEbusweni behlabathi elimiweyo;
13. Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe,Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
14. Oko kubekele indlebe, Yobhi;Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
15. Ùyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe,Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?
16. Ùyazi na ukulinganiselwa kwamafu,Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?
17. Wena ungubo zifudumeleyo,Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;
18. Ùsikhánda usolule naye na isibhakabhaka,Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?
19. Sázise esingákuthethayo thina kuye;Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.