12. Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile;Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?
13. Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo,Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelàyo kuSomandla.
14. Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele;Nabaphume embilinini wakhe àbahluthi kukutya.
15. Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa,Abahlolokazi bakhe bangalili.
16. Ukuba úthe wafumba isilivere njengothuli,Wazilungisela izambatho njengodaka:
17. Angázilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa,Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.
18. Uyakha indlu yakhe njengenundu,Njengephempe elenziwe yimboniseli.
19. Ulala phantsi esisityebi, akaphindi;Uvula amehlo akhe, angabikho.
20. Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa,Simbé ebusuku isaqhwithi.
21. Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke,Lumqweqwedise endaweni yakhe.
22. UThixo umgibisela angamcongi;Usibaleka asibaleke isandla sakhe.
23. Bamtyhwakrazela izandla,Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.