1. Umntu, into ezelwe ngumfazi,Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.
2. Uphuma njengentyantyambo, abune;Ubaleka njengethunzi, angemi.
3. Onjalo ùmvelela ngeliso lakho,Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?
4. Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi!Akukho nokuba abe mnye.
5. Imisiwe nje imihla yakhe,Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe;Umenzéle ke umda wakhe ongenakugqithwa.
6. Susa amehlo akho kuye, aphumle,Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.
7. Kuba kukho ithemba emthini;Ukuba uthe wagawulwa, wóbuya uhlume,Igatya lawo lingapheli.
8. Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni,Safa isibili sawo eluthulini:
9. Ngevumba lamanzi wódubula,Wenze amasebe njengesithodlana.
10. Ke yena umfo ufa angquleke;Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?
11. Amanzi aselwandle ayemka;Umlambo uyatsha, wome:
12. Umntu ulala phantsi ke, angavuki;Lide izulu lingabikho, bangàqabuki,Bangàvuswa ebuthongweni babo.
13. Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo,Undisithelise ude ubuye umsindo wakho;Undimisele umda, undikhumbule ke!
14. Ukuba úthe umfo wafa, wóphila na?Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda,Kude kufike ukukhululwa kwam.
15. Ubungábizayo ke, ndisabele mna,Uwulangazèle umsebenzi wezandla zakho.