Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, inene baya kuyisela; wena ke ùngoya kuba msulwa, ube msulwa na? Akuyi kuba msulwa, ngokuba inene uya kusela.