Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyeremiya 49:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngokuba mna ndimhlubile uEsawu, ndizityhilile iindawo zakhe ezisitheleyo, angabi nako ukuzímela. Imbewu yakhe iya kubhuqwa, abazalwana bakhe nabamelwane bakhe àbakho.

11. Shiya iinkedama zakho; ndiya kuziphilisa, bakholòse ngam abahlolokazi bakho.

12. Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Yabona, ababengenalungelo lakuyisela indebe, inene baya kuyisela; wena ke ùngoya kuba msulwa, ube msulwa na? Akuyi kuba msulwa, ngokuba inene uya kusela.

13. Ngokuba ndizifungile mna, utsho uYehova, ndathi, IBhotsera iya kuba ngummangaliso, nesingcikivo, nenxuwa, nentshabhiso; nemizi yayo yonke ibe ngamanxuwa angunaphakade.

14. Ndivé udaba luphuma kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Zihlanganiseni, nimfikele, nisuke nilwe.

15. Ngokuba, uyabona, ndikwenzé wamncinane ezintlangeni, wadeleka phakathi kwezizwe.

16. Ukududuzelisa kwakho kukulukuhlile, ukukhukhumala kwentliziyo yakho, wena uhleli ezimfanteni zengxondorha, wena ubambe intlomo yenduli. Ngokuba ùthe wayakhela phezulu njengexhalanga indlu yakho, ndokuthoba apho; utsho uYehova.

funda isahluko epheleleyo Uyeremiya 49