1. Ngokusingisele kwelakwaMowabhi, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi:Yeha iNebho, ngokuba ibhuqiwe. Ihlazisiwe, ithinjiwe iKiriyatayim; ihlazekile, iqhiphuke umbilini ingxonde leyo.
2. Iqhayiya lakwaMowabhi alisekho; eHeshbhon bacebe ububi ngaye, bathi, Yizani simnqumle, angabi luhlanga. Nawe, Mademena, uya kudaka; ikrele liya kukulandela.
3. Phulaphulani ukukhala eHoronayim! Yimbuqo nokwaphuka okukhulu!
4. UMowabhi waphukile, iimbedlenge zakhe zivakala zikhala.
5. Ngokuba ekunyukeni eqhineni laseLuhoti, baya kulila, balile; ngokuba ekuhlèni eHoronayim ababandezelwa baya kuvakala bekhaliswa kukwaphulwa.
6. Sabani, sizani imiphefumlo yenu, yibani njengoze entlango.
7. Ngenxa enokuba ùkholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe,* ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye.
8. Úya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova.
9. Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wóphuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa.
10. Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini.
11. Wonwaba uMowabhi kwasebuncinaneni bakhe, wee tywa phezu kweentsipho zakhe; akakhutshelwanga kwesinye isitya, akahambanga efuduswa; ngenxa yoko isongo sakhe sihleli kuye, nevumba lakhe aliguqukanga.
12. Ngako oko, yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuthumela abathululi kuye, bamthulule, bazikhuphele izitya zakhe, bayiqhekeze imiphanda yakhe.