13. Yabonani, umkhonzi wam uya kwenza ngengqiqo, uya kuphakama, athi gqi, anyuke kakhulu.
14. Kwanjengokuba babemangaliswa nguwe abaninzi (ibinje ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe ukuda singabi sesoonyana baka-Adam):
15. ngokunjalo yena uya kubetha zithi makatha iintlanga ezininzi; ngenxa yakhe ookumkani baya kuthi khamnqa; ngokuba baya kukubona abangazanga bakubaliselwe, bakugqale abangazanga bakuve.