5. Ingxokolo yabakungenelayo iya kuba njengothuli olucolekileyo, ingxokolo yabakungcangcazelisayo ibe njengomququ ophephukayo; ibekho le nto ngephanyazo nangesiquphe.
6. Kuphuma kuYehova wemikhosi ukuvelelwa kwayo ngeendudumo nangonyikimo lwehlabathi, nesandi esikhulu; ngesaqhwithi nomoya ovuthuzayo, nokulenya komlilo otshisayo.
7. Yoba njengephupha, njengombono wasebusuku, ingxokolo yeentlanga zonke eziyiphumela umkhosi iAriyeli; zonke eziyiphumela umkhosi, yona nemboniselo yayo, eziyicuthayo.
8. Koba njengokuthi olambileyo aphuphe, abone esidla, avuke ulambatha umphefumlo wakhe; njengokuthi onxaniweyo aphuphe, abone asela, avuke, nanko etyhafile, utshoba umphefumlo wakhe; iya kuba njalo ingxokolo yeentlanga eziyiphumele umkhosi intaba yeZiyon.
9. Zilazilani ningakhulumi; zimfamekiseni nibe ziimfama. Bayanxila kungengawayini, bayatalasa kungengasiselo sinxilisayo.
10. Ngokuba uYehova uthulule phezu kwenu umoya wobuthongo obukhulu, wawabopha amehlo enu, abaprofeti; nabaziintloko benu, iimboni zenu, uzigubungele.
11. Kuni umbono weento zonke ubé njengamazwi encwadi etywiniweyo, abathi bayinike okwaziyo ukuyifunda, besithi, Khawulese apha; athi, Ndikhohliwe, kuba itywiniwe;
12. incwadi inikwe ongakwaziyo ukuyifunda, kuthiwe, Khawulese apha; athi, Andikwazi ukuyifunda incwadi.
13. Yathi iNkosi, Ngenxa enokuba aba bantu besondela kum ngomlomo wabo, bendizukisa ngemilebe yomlomo wabo, intliziyo yabo beyikhwelelisele kude kum, nokundoyika kwabo kungumthetho wabantu abawufunda nje kodwa: