9. Wathi uYehova, Mthiye igama lokuba nguAsibantu-bam; ngokuba àningabantu bam, nam andiyi kuba ngowenu.
10. Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yaselwandle, engàlinganiswayo, engàbalwayo; kuthi endaweni yokuba kuthiwe kubo, Aningabantu bam, kusuke kuthiwe kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
11. Bohlanganisana ndawonye oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli, bazimisele intloko ibe nye, banyuke baphume kwelo zwe; kuba iya kuba nkulu imini yaseYizereli.