INkosi yamnikela uYehoyakim ukumkani wakwaYuda esandleni sakhe, nenxalenye yeempahla zendlu kaThixo, awazithwalela ezweni laseShinare, endlwini yothixo wakhe; iimpahla ezo wazingenisa endlwini yobuncwane bothixo wakhe.