1. Akwaba ubunjengomnakwethuObesanya amabeke kama!Bendingathi, ndíkufumene phandle, ndikwange,Bangàndideli noko.
2. Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama;Ubuya kundifundisa.Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo,Nencindi yomrharnate wam.
3. Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam,Esokunene sayo sindiwole.
4. Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa,Ningáthini na ukuluvusa, ningáthini na ukuluvuselela uthando,Lude luthande?